1. Sifun’ utywala!
- Mpumelelo Matwa
- Aug 29, 2024
- 2 min read
Lumkani!! lumkani!!
Sifun’ utywala!! Sifun’ utywala!!
Ikhovithi!! Ikhovithi!!
Sifun’ utywala!! Sifun’ utywala!!
Waphel’ umntu!! Baf’ abantu!!
Sifun’ utywala!! Sifun’ utywala!!
Gquman’ iimpumlo kwanemilomo!!
Sifun’ utywala!! Sifun’ utywala!!
Hlamban’ izandla niqelelane!!
Sifun’ utywala!! Sifun’ utywala!!
Rhoxan’ emingcwabeni nasemigidini!!
Sifun’ utywala!! Sifun’ utywala!!
Buyan’ekonwabeni nasezintlanganisweni!!
Sifun’ utywala!! Sifun’ utywala!!
Ayanyuka amanani! Saf’ isizwe!!
Sifun’ utywala!! Sifun’ utywala!!
Valan’ iilwandle chithan’ iintente!!
Sifun’ utywala!! Sifun’ utywala!!
Emka amaqhawe kwafuduka ooNantsi.
Sifun’ utywala!! Sifun’ utywala!!
Kwabhubha abazali kwasala iinkedama.
Sifun’ utywala!! Sifun’ utywala!!
Umhlaba emhlabeni, eluthuthwini.
Sifun’ utywala!! Sifun’ utywala!!
Mabaphumle ngoxolo.
Sifun’ utywala!! Sifun’ utywala!!
Siyanicenga bantu!!
Thula!!Sifun’ utywala!! Sifun’utywala!!
Sisakhangela iVakhsini!
Sukaa! Sifun’ utywala! Sifun’ utywala!
Uthethil’ umongameli!
Mnxim! Sifun’ utywala! Sifun’ utywala!
Ndincamile.
Sifun’ utywala.
2. Wandigqebh’ iduma
Ndaphum’ inkenkebula yeduma,
Ndigqejwa ngegqudu nguGqibuluntu.
Wandigqagqanisel’ endiqengqa engaqheliseli
Wandiqhekez’ inkqayi wandigqiba,
UGqibuluntu wandigqumza zemk’ iingqondo.
Wandixangxath’ endixusha ndalixekexwa,
EnoXhokonxudushe noXhaphigazi oogxa bakhe.
Ndaxhathalaza ndixhathisa ndixakiwe
Ndaxhatshazwa Xhamela ndancama,
NguXhokonxudushe no Xhaphigazi bexhobile.
Ndaba ngacenga ndicel’ amancedo,
Ndizam’ amacebo ndicing’ ukuphuncula
Sendicinga noCikizwa inci ka Ncibana
Eyasinda cebetshu beceb’ ukuyicima,
Yazinceda ngokuchwechwa igcagca necawa.
Ngoku ndilidlakadlaka elidlala ngodaka,
Nasebusika kubanda ndixovul’ udaka.
Ndenziwa ngoGqibuluntu owandifaka koludaka
Wandihlub’ isidima ndalahlwa nguThandeka,
Ngoku ndiphelile ndilindwe lidlaka.
Lumkelan’ uGqibuluntu uyasiphalaza isizwe,
Singaphela sithi nya sayeka angqiyaze.
Sibhangazeke sithi saa savuma adakase,
UGqibuluntu uxhokonx’ udushe kubhobhoz’ igazi.
Mawethu utywala ngumbulala-zwe.
Ndandiba ndiphilile kanti ndinxilile,
Ndisithi ndizinzile kanti sezimkile.
Ndiqhathwa butywala buzalis’ ibhotile.
Ndikhumsha amagama kukhal’ abantwana,
Ndiwabiza potyo-potyo kuncwin’ amakhumsha.
Imfundo sisixhobo sikhusel’ amagwala,
Neziyalo ngokwazo zixhobis’ amakrwala.
Ndabalek’ ezonto ndagcagca notywala,
Iinkani kukufa buzani kwabadala.
Ndaphum’ inkenkebula yeduma,
Ndibalek’ ulwazi ngenxa yokungazi.
Ndisithi ndiyazi nangona ndingazi.
Ngoku ndiyazi ukuba anadazi,
Kwaye ndifundile kubi ukungazi.
3. Iinzalelwane
Zininzi ziyaziwa,
Ziyakuthanda nokwaziwa.
Azikuthand' ukuphikiswa,
Azikufun' ukusikiswa.
Azingeyikhwel' inqwelo,
Ingaqhutywa ngesiqhelo.
Zisoloko zikhwiniza
Zikhuz’ ukugqwidiza,
'Soloko zikhalaza,
Zibon' ukubhatyaza.
Emakhaya ziyabhoxa,
Ekuhlaleni ziyaporha.
Etyalikeni ziyakhonya,
Eluchukwini ziyakhonza.
Sisikhwele siyagquba,
Ngabantwana bomgquba.
Zabakho ngaphambili,
Zaz' umva nomphambili.
Zinjalw' iinzalelelwane,
Azihleki nampukane.
Ziphila kabuhlungu,
Kubomi obunkungu.
Kwinkonzo yobudenge,
Yeenzalelwan' ezizidenge.
Ngumona ophambili,
Kubulaw' umngeneleli.
Ubuvila buqatsele,
Ukugxeka kongamele.
Ukuncoma yinkankulu,
Ukunconywa yintw' enkulu.
Makube luxolo,
Kugudlwane imiqolo.
Kumenyw' impiliswano,
Kusuduk' impikiswano,
Kulomzi wabantu,
Kuphile wonke umntu.
Umanyano yintsebenziswano,
Kuqhogwene ngenkuthazwano.
Kofikayo nozelelweyo,
Bangachubani bachukelane.