Izicatshulwa kwincwadi ethi “Masidle ilifa lethu”
- Nomonde Mdlokolo
- Aug 29, 2024
- 4 min read
1. Ukuvela komntwana
Ngethuba lokuba inkosikazi ilindele umntwana ngakumbi ngelaa xesha lokuba kusithiwa iyanqumka okanye iyakhawula umzimba wayo uneenguqu nezinto ezininzi ezingaqhelekanga, ude lo mzimba ulangazelele ukutya nezinto ubungaqhelanga kuzitya.
Uluntu luyayiqonda luyilandela kakuhle le nguqu. Akhathazile ke amakhosikazi ukusoloko elangazelela inyama xa ekule meko, nangona engenjalo onke. Umninimzi luxanduva lwakhe ukubona ukuba le nkosikazi iyazifumana zonke izinto ezinqwenelayo. Ngeli thuba le nkosikazi ide ibe nalo nelungelo lokutya namaqanda la siwaziyo ukuba umntu obhinqileyo akavumelekanga awatye kwaXhosa ngakumbi osemtsha ogazi lisaqhumayo.
Ngenye imini ubonelelwa ngeenkabi yenkukhu, ngenye imini ibe sisikhukukazi, kanti ngenye imini iya kuba lithokazi lenkukhu eliqalayo ukubeka. Kaloku umnumzana lo ujonge impilo yaloo nyana okanye intombi yakhe izayo, nayo isiza kwanobutyebi kweli khaya.
Andinqweneli kungena kuzo zonke inkcukhacha zokubeleka kwenkosikazi. Kodwa ide ibeleke ngempumelelo ngoncedo lwabazalisikazi abanamava. Nalo olu sana lufikela kwiinkathazo zalo mhlaba njengabantu bonke. Kule mihla kusetyenziswa izibhedlela namanye amaziko empilo afana neekliniki ukuze kungabikho mpazamo ekubelekeni komntu. Wonke lo msebenzi wenziwa ngabantu abawufundeleyo bawuqeqeshelwa, abafana noogqirha nabongikazi.
2. Izigulo ezithi zihlasele olu sana
Izinyanya ziyalujonga olu sana lukhula nje, ziluphephisele kwiingozi nakwimimoya emdaka, kodwa alude lungabi nabo ubumfuxumfuxwana bobuntwana nezinye izigulo afanele ukuba adlule kuzo umntwana apha ekukhuleni kwakhe. Kangangokuba ngamanye amaxesha kude kuthiwe ukuba umntwana akazifumananga eselusana, xa zimfikela selemdala ezi zigulo ziba nobuzaza nobungozi kakhulu yaye yinto elula nje ukuba zigqithe naye.
Ukuvela kwalo liba nelindle elimnyama tsiki oku kwetela kuthiwa lijekezi. Eli jekezi likhutshwa ngokumtyisa isicakathi kwa esavela nje engekakwazi nokwanya kunina. Sona sakusenza isisu sithambe liphume lula eli jekezi phofu sikhupha yonke into ephakathi engafanelekanga, lilonke sicoca isisu okanye umbilini wonke wosana kuba noxakaxa lifumana ithuba lokuphuma ukuba belingaphumanga kakuhle ngethuba lokuvela kwalo xa belikhutshwa ngabazalisikazi. Liyaziphelela eli jekezi ngokuya liqhela ukuzityela usana alinankathazo.
Ukutya kuyalikhuthaza ukuba liphume. Lakurhuphuza olu sana ngenxa yesi sicakathi de liphele ijekezi emathunjini ze ilindle eli lakhe lifane nelezinye iintsana. Isicakathi lutyani oluzikhulela phaya endle luyanaba nje apha phezu komhlaba, kumbiwa iingcambu zaso kubiliswe zona. Usana lusezwa loo manzi maxa wambi sithiwa chatha intsilikihlana yeswekile ukwenza isongo nomtsalane.
Usana lutya esi sicakathi njengokutya lusitya ngecephe okanye ngebhotile kweza ntsuku zokuqala zokuvela kwalo. Ngeli xesha unina wosana uzama ukulufundisa ukumunca emabeleni kodwa kungelulanga kakhulu. Kaloku alukaqheli ukuzityela kwaye nemihlathi ayikomeleli okokuba ingaxhathisa ixhase ubunzima bebele. Ijekezi eli ayisosifo yinto yendalo ebakho kuzo zonke iintsana kangangokuba libakho nakumathole eenkomo, nakumatakane eegusha neebhokhwe nangona mhlawumbi libizwa ngagama limbi apha empahleni.
Kwiingingqi ngeengingqi akho amayeza asetyenziswayo ukwenza isicakathi xa sinqabile isicakathi buqu. Kusetyenziswa naziphi na kwiingcambu zala mayeza alandelayo: Impendulo emhlophe okanye ebomvu, idolo lenkonyane okanye umvenyathi, nazo zenza umsebenzi omnye nengcambu zesicakathi.
Akuba ecoceke ngokupheleleyo amathumbu osana atsho abe nako ukuzifunxela ukutya okutyiwa lusana ngokwawo ukukungenisa egazini. Ukuba eli jekezi alicocekanga kakuhle igazi emathunjini alikukwazi ukufunxa ukutya okuya kondla olu sana. Kaloku olu ncangathi lwenza ulwantwentwe oluthintela ufunxo lokutya okusemathunjini ligazi. Lutsho usana lungondleki lube qothololo lunqine.
3. Ishimnca
Esi sisigulo sosana esingenabuzaza bubhekelephi. Yingubhukane ebumaqhakuva, nayo ihlala okanye ifumaneka ngaphakathi apha emzimbeni nakwizibilini ezi zosana. Luthi usana lwakufumana izinto ezifana nesicakathi iqale le ngubhukane ithi gubhu ukuphumela ngaphandle ibonakale apha esikhumbeni ingaloo maqhakuva mancinane ade ngaxa limbi abe chamchamana ngamanzana. Kolunye usana likhe lize ngamandla lide liwenze bomvu namehlwana la abe bukudumba.
Iyeza elidumileyo nelaziwayo ngabantu abaninzi leshimnca ngumthombothi. Ngumthi omkhulu owomeleleyo ofumaneka kwiingingqi ezithile. Uyakrakra ngokwencasa kodwa unamandla ukunyanga ishimnca. Kulolwa iceba lawo elomileyo kwilitye lokulola nokukhanda amayeza asekhay’apha.
Eli litye kufuneka licocwe ngononelelo ukuqinisekisa ukuba licoceke ngokupheleleyo, kaloku belisetyenziswa nakwamanye amayeza abanye abantu nakwezinye izinto ezingenakudibana nosana olu. Uyawugudla umama awuthi chatha amanzana ngomnwe. Ithi yakwanda loo ncindi ingqindilili ilingane itispuni nangaphantsana ibe ilungele ukuba ingaselwa lusana. Kuba ukrakra umthombothi, xa ulusenza usana ungagalela amathontsana obisi lwebele ukudumaza obo bukrakra nokuba koko kutya akutya ngebhotile. Akufuneki umxhinkxe kakhulu, unokusela kanye ngemini kodwa kungabikho ngaphezu kwesibini ngemini. Ukuba unokudlulisa koko usenokwenza inkathazo ngaphakathi ude umtshise nelizwi eli. Xa sekuthe gubhu loo maqhakuva mqabe kwangalo mthombothi umzimba lo wonke. Umthombothi unevumba elimnandi elithandekayo.
Lidla ngokuphila kwisithutyana nje seveki ukuya kwezintathu, kuxhomekeke ekubeni belimphethe kangakanani na okanye unina ukhuthele kangakanani na emayezeni. Nalapha kwishimnca unganqaba umthombothi kuloo ngingqi okanye kube kuqhelwe ukusetyenziswa amanye amayeza afana nelindle okanye iingqathe zenyamakazi ekuthiwa yintini efumaneka ngasemlanjeni. Intini itya oononkala, oonomadudwane, amasongololo nezinye izinambuzane ezifumaneka emlanjeni okanye kufuphi nomlambo. Izitya kunye nodaka lomlambo lowo. Ukuba eli lindle okanye iingqathe zentini uzifumene zisemanzi zigqitywa kulahlwa yintini leyo kokona kulungileyo. Yithathe uyicole elityeni elicocekileyo ibe yintlama. Yigalele ebhotileni ugalele amanzi uhlukuhle.
Yakucwenga luphe usana amanzi la ngecephe oku kweyeza. Enye intlama yeli lindle mqabe ngayo umzimba wonke. Lisebenza ngokufanayo nomthombothi kodwa yona inqabile kunomthombothi. Lakuba linyangekile usana lwakutsho ngesikhumba esihle esimpuluswa nebala elicacileyo. Kule mihla akho amayeza esilungu afumaneka lula ezivenkileni ezithengisa amayeza okunyanga esi sigulo, namanye amayeza.
4. Imfuxwa
Oku kukuqaqamba kwenkaba yosana, ufike lumbolamboleka lupenapena lukhala ngokungagqatsanga phofu, kude kube mfuxumfuxu neempumlo ezi. Le meko woyifumana mhla kukho umoya okanye izulu lisibekeleyo okanye kusina. Ikhathaza ngamandla kwiintsana ezingamakhwenkwe. Le meko ithatha nje olo suku lunye okanye zimbini kusibekele ngazo. Ungayithomalalisa ngamayeza athibaza iintlungu, ze umbophe umntwana ngento efana neqhiya apha enkabeni. Akuba ebotshiwe kuthi qabu atsho eve ubuthongo, kanti naxa umlalise ngesisu kuba ngcono. Ezi ngqaqambo zenziwa nje kukuba inkaba ingekapholi yakuphola akaphindi eve mfuxwa.
5. Umoya
Usana olunomoya ulubona ngokusoloko lubambe umzimba luziqinisile lude lwasonga nezandla ezi okanye lufumbathe amanqindi. Lunobuphakuphaku lothuka lula. Lothuswa nangumntu lo ukhohlelayo, loo nto lothuke luhlahlambe ukukhala oku. Lothuswa nakukudlaliswa luxhunyaxhunyiswe. Ngelinye ixesha lothuswa nangumntu lo uthethela phezulu. Lusoloko lunxunguphele lungenakuzola. Umoya lo uzalise umzimba lo wonke wenza amahlaba abuhlungu. Uzele ngakumbi esiswini apha lude lungacaceli kutya kube nzima nokulala. Loo nto ilwenza lungakhuli, lube qothololo lubhitye. Ilindle eli lalo lisoloko linamatheketheke aluhlaza alumayo. Ilindle losana yenye yezinto ekubonwa ngayo amaxesha amaninzi xa kukho undonakele empilweni yalo.
Ubangwa ziimeko ebekuzo unina wosana ngexesha ebesaluthwele, ezifana nokusoloko enxunguphele, ekhathazekile okanye esemsindweni. Nosana olu lutsho lunxunguphale ngaphakathi apha. Ngelinye ixesha nezityo ezithile athe unina wosana wazitya ngokugqithileyo ngexesha ebeluthwele. Lo moya liyawurhabula nalapha esithubeni lo kuthiwa ngumoya omdaka ngakumbi ngexesha lobusuku. Nokuba ngunina walo otsibe lo mkhondo womoya omdaka usana luyachaphazeleka kuba luthi luwufumane ekuncanceni kwalo, kanti nokuba alumunci luyachaphazeleka.
Akho amayeza asetyenziswa ukunyanga lo moya, afana netswele lomlambo okanye isivimbampunzi. Uyaligximfiza, uthi chatha amanzana umseze ngecephe ze umcime kwangaso. Uyakupharhaza ke esitsho loo matheketheke aluhlaza atsho afumane ubuthongo anqwenele nokutya. Akho ngoku nawasevenkileni amayeza athi ancende kule ngxaki. Ezi zigulo zomntwana zivela ngokwamanqanaba okukhula kwakhe. Isigulo esithile silindelekile xa anyanga zithile okanye aminyaka minga ubudala.