Ukuzincama
- Vusumzi Nyezwa
- Aug 29, 2024
- 3 min read
Ekuphileni komntu, kukho amaxesha apho ubani athatha isigqibo sokukhe athi xhaa ekwenzeni oko aqhele ukukwenza imihla ngemihla. La maxesha afika maxa wambi ngesaquphe, kungalindelekanga njengamhlana kubhujiwe okanye afika elungiselelwe apho ubani enenjongo yokuphumelelisa okuthile, umzekelo xa ubani lowo efuna ukwehlisa ubunzima bomzimba wakhe okanye ngexesha lemfazwe, apho abantu bancama ukuphila kwabo balwele ilizwe labo njengabaMnumzana Mandela, Sisulu, Mhlaba, Biko, Sobukhwe nabanye abasele bekhankanyiwe apha ngentla. Kwezi zihlandlo, umntu uncama okuthile akuthandayo, akuxabisileyo, umzekelo, ukuphila, usapho, ikhaya, impahla okanye ukutya okuthile.
Ngala maxesha anje, umzimba womntu, ukuze ulungelelane noMoya wawo, ube nto-nye nawo, ube namandla okanye ufumane amacebo neengcebiso, uncama okanye uzila izinto ozinqwenelayo, ungalinganisi okanye wenze konke okubonayo kusenziwa ngabanye. Uncama ubumnandi, iziyolo nokuthandwa maxa wambi, ujule kuphela koko kufuneka kwenzekile, kufumanekile.
Ukuzincama iimfuno zomzimba kukubuya umva kuzo, kukuyekelela, ungabi phambili okanye kukuziyeka kwaphela zikudlule, zikuphose, uzincamele abanye, zifunyanwe ngabo. Kukuzikhwebula nokungazenzi izinto ngohlobo obuqhele ukuzenza ngalo ngaphambili, ungawukholisi umzimba, endaweni yoko, uwuqobe, uwuqeqeshe, uwunqande ekwenzeni intando yawo (unothanda).
Akungawo onke amaxesha sizila kodwa lithi lakufika elo xesha, umntu lowo uzincamileyo, ashenxe kwizenzo ezithile, azikhwebule kuzo. Le nkcazelo ityhila okokuba ukuzila kunexesha lako. Oku kusenokwenzeka njengoko sesitshilo, kwakungabikho ukuphila, kwakugulwa, kwakubhujwa, ngamaxesha okhuphiswano neentlekele ezifana nendlala, imbalela okanye iimfazwe. Ngexesha lokuzila, kubakho imiqathango elandelwayo, ekubalulekileyo ukuyiphula-phula nokwenza ngokomyalelo nomgaqo omiselweyo. Le miqathango igxininisa ekuzinikeleni koko umntu afanele ukukwenza, azibandakanye nokulungileyo, nokubalulekileyo, ezayamanisa ngokwenjenjalo nokunqwenelwa ngabanye - sisininzi. Ukuzincama yintsebenziswano nokuphilisana nabanye ngoba kaloku lowo uzilayo, uphila njengabanye, wenza okufunwa nokuthandwa ngabo, ulungelelanisa iindlela zakhe, azikhethele zona enganyanzelwanga maxa wambi nezabanye, ancame okukokwakhe, amalungelo nentando yakhe, enze okulindelekileyo kuye. Ukuzincama kukuphila nabanye okanye kukuphilisana nabo.
Ukuze sikwazi ukuzincama kufuneka sikuve, sikuphulaphule okuthethwayo kuthi, silandele imiqathango ebekiweyo. Akupheleli nje apha, oko kuthethiweyo kuthi, nathi kufuneka sikuthethe, sikugqithise kwabanye, singazoyikiseli ngoba kaloku, sizincamile. Oku kuthetha okokuba, ilizwi esilithethayo okanye esiligqithisayo kwabanye, kufuneka nathi siliphile, silenze, sibe yimizekelo yoko sikuthethayo - sithethe ngemisebenzi nathi esiyenzayo, siyibonakalise ukuze someleze abatyhafileyo, abangenamqolo nabangaqondiyo. Sakuzinikela, sakuzincama, asibinazo neentloni ngesikwenzayo, ingekuba sicela amehlo kodwa siqhutywa ngumoya okuthi nothando lwesizinikele kuko. Asijonganga mvuzo namawonga, singenazo nazinkani sakulungiswa okanye sakunqandwa ngoba kaloku asizifihli ekugxekweni. Sizakuzifumana zona iingxaki, izikhubekiso nobunzima kodwa azisoze zisoyise, zisityhafise ngoba kaloku sizinikele, sizincamile ezethu iimfuno sanelisa ezabanye.
Ukuba ke kodwa asikwenzi okusemgaqweni, okufanelekileyo okanye asizincami, endaweni yoko, senza ukuthanda kwethu, ukufa, ukugula, ukwenzakala, ukuphoswa ngaphaya kwezitshixo nokungaphili, kuyasifikela. Oku siyakubona kwabagulayo xa bengayilandeli imiqathango abayinikwe ngabezempilo, kubenzi bobubi, izigwinta, abarhwaphilizi nabaphangi abenza intando yabo ngokungagcini umthetho wokuphila nokuziphatha abawunikiweyo, bona kaloku abayincami iminqweno yabo yomzimba.
Ukuze sifumane ukuphila, singazibeki esichengeni, imizimba yethu mayenze okucingisisiweyo, okufunwa ngumoya wayo kuqala. Masingathabatheki side soyiswe kukuncama nokuzinqanda kokubonakalayo, sinqwenele konke esikubonayo kumphandle. Ubani uzakubuza ukuba uzakukwazi njani okufunwa ngumoya ongaphakathi kuye, engakuboni nje. Impendulo ithi, okufunwa ngumoya, kokulungileyo nokusemthethweni ngawo onke amaxesha. Okufunwa ngumoya, kukungazenzi ngcono kunabanye, ube nekratshi, ubone okokuba okona kulungileyo kokufunwa sisiqu sakho.
Asikuko nokuba okubonakalayo akulunganga koko kufuneka thina sikwazi ukuzinqanda, ukuzeyisa, ukuzikhwebula nokuzilawula ngokwethu, singoyiswa yinkangeleko, isilukuhle. Masibone ukuba akukho nto ingcono kokubonakalayo nakwiziqu zethu, okudlula esinako ngaphakathi kuthi. Izinto esizenzayo nesizibonayo, sizenza ngawo umoya ongaphakathi kuthi – nguwo ongcono nosinika amandla. Ilizwi elikum lelawo, ukucinga, ukuphefumla, ukuphila, imibono neembono zezawo - ndizifumana kuwo. Yonke into ekum ngaphakathi (emfihlakalweni) yeyawo. Ngoko ke, mna, ngaphandle kwawo, andinanto, ndingento. Wona uyinto yonke ekum. Mna ndinguwo lo moya nto nje, ndiphazanyiswa okanye ndiqhathwa ngumzimba wam wona utsalela kwizinto ezibonakalayo. Yenze ke le nto ndicinge ukuba umzimba, nguwo obalulekileyo, owenza izinto zenzeke, kube kungenjalo.
Xa sizincamile, asibi ngoombolo-mbini, asikhonzi nkosi zimbini (uMoya nomzimba), siyalikhetha icala nendlela emasihambe ngayo, asisebenzisi iindlela zikawonke-wonke. Umzimba neenkanuko zawo xa sibeka zona phambili, xa sizenza zibaluleke, ziyasisusa kwindlela efanelekileyo yokuphila, zisiqhatha ngamalungelo esinawo, nangendlela ekulula ngayo ukufumana oko sikunqwenelayo, ubumnandi, iziyolo, ubugebenga, ubusela, ubundlavini, ubuqhophololo, ukrexezo, norhwaphilizo. Ezi nkanuko zisiqhatha ngokuveza icala lokuba senza into esiyithandayo nesiyinqwenelayo ukanti ke, eyona ndlela ifanelekileyo yokwenza izinto, yeyomthetho nokuncama okunye esikunqwenelayo.
Xa sizincama, kuyanyanzeleka ukuba sihambe nakwindlela emxinwa, siphumele kwintsunguzi nasebunzimeni. Le ndlela ke yona ifuna ukulinda, ithemba, nokunyamezela, isebenzisa ingqiqo yomntu ukuze akucikide okufunwa nguMoya wakhe, yindlela yomthetho ngelixa ebanzi, ingeka wonke-wonke, iphithizela, elowo esenza okuthandwa nguye, nangaliphina ixesha athanda ngalo.